Lusapho Gladstone Nyembezi

Lusapho Gladstone Nyembezi Poems

Inene ubethunyiwe nguThixo, Ukusisusa kulo lonk'ilizwe isiphoxo, Wazigqib'ezingindilil'iingxoxo, UMandela akanguye uThixo, Ngoko ke musani ukumenz'isithixo.
...

Weza ngenxa yesikreqo
sokhokh'uAdam.
Waba ngumahluko
phakathi komntu noThixo.
...

'Ngxaki zomhlaba zindongamele,
Iintlungu neentsizi zindifikele,
Ubumnyama bundugubungele,
Namashw'andingqongile,
...

Khanindivumeleni
ndithethe,
Ndivumeleni ndihlomle,
Ndikhululeni ndibonge,
...

Linto zomhlaba ziyaxaka,
Zifun'amehlo anzulu
okubona;
De ukrobe nangaphaya
...

Zintaba ndini nani zinduli;
nindisithel'isithandwa sam!
Ndalo, xesha, mgama:
ndindinqand'ukuba ndingabi
...

Lusapho Gladstone Nyembezi Biography

ULusapho Gladstone Nyembezi wazalwa ngomhla wesixhenxe kweyeThupha ngowewaka elinamakhulu alithoba namashumi alithoba(07-08-1990) . Ukhulele kuQumbu eMvumelwano. Uzalwa ngutata uZP Nyembezi nomama uFN Nyembezi, engolanywa liphelo elingasekhoyo, kwisithandathu sabantwana. Ufunde amabanga aphantsi eMvumelwano JSS wagqibezela eQumbu Village JSS. Aphezulu nematriki eQUMBU VILLAGE SSS, apho waphumelela imatriki emagqabini. Ukhule eyinkwenkwe eyalusayo, ethanda ke ukudlala endle exabise kakhulu iinyosi. Ubenga mdala kwiintanga zakhe kuba ubevana namakhwenkwe angaphambili kuye. Ngonyaka wamawaka amabini anesixhenxe kweyoMnga(Dec 2007) waya kwisikolo sobudoda, waluka. Kunyaka olandelayo waqalisa imfundo enomsila eTshwane University of Technology kwisebe eliseMalahleni (Witbanka) eMpumalanga. Ngenxa yokungaziphathi kakuhle uye waphulukana nenyhweba yokufundiswa nguyise owasuka wamkhupha esikolweni ngenxa yokungaphatheki. Ukhule ethanda utywala, kunye necuba elikhulu. Amabhinqa ewaxabisile kananjalo. Ngowamawaka amabini anethoba waguqukela kwinkolo yobuKristu, ezibandakanya kwibandla iLight Glory Victory(LGV) Prophetic Ministries. Wakheka wachubeka ke apho phantsi koqeqesho lwabafundisi nabashumayeli (abaprofeti) . Wababalwa ngengqeqesho yomsebenzi (learnership) kumzimveliso wentsimbi iColumbus Stainless eMiddelburg kwaseMpumalanga apho. Waqeqeshwa njengomtshinibhoyi. Kwizinto ezininzi esingazibalula ebomini beli tyendyana lomfana singakhankanya isakhono sokubhala. Ukhule enombono wokuba ngumbhali opapashiweyo. Uyaluthanda ulwimi lwesiXhosa. Ukhe wazibandakanya neqela elalikhuthaza ukuziphatha kakuhle kwezesondo, Inkciyo. Imakhile nayo inkciyo umfana lo. Yena uyawathanda shwen amanina asingeyifihli loo nto. Ubabalwe kakhulu nguThixo. Singabala singaphezi.)

The Best Poem Of Lusapho Gladstone Nyembezi

Lala Ngoxolo Tat'Umandela

Inene ubethunyiwe nguThixo, Ukusisusa kulo lonk'ilizwe isiphoxo, Wazigqib'ezingindilil'iingxoxo, UMandela akanguye uThixo, Ngoko ke musani ukumenz'isithixo.

Aa! Dalibhunga. A! Rholihlahla! Gama lini na eli, Rholihlahla? Inene ulirholil'elo hlahla, Wanga usus'udushe kanti uluchasile, Walirhola wahlokoloza kanti umel'inyaniso.

Aa! Dalibhunga! Inene ulidalil'ibhunga, kususel'ebuncinaneni udal'amabhunga, Ngendisithi phila ngonaphakade ukub'ukufa bekungakwebanga, Noxa nj'elokumis'ukuf'igunya ndingalinikwanga, Sendikwamkele ukufa noko akukuqubulanga...

Uyihlahlil'indlela kuba wazalw'uyinkokheli...Uzichukumisil'intliziyo kuba ubungaphezu kwenkokheli, Koko uphantsi usondele kuluntu kub'ungumntu.Endaweni yokufun'ukongamela usuke wasisicaka...Zingafunda kuwe ezinxanelwe ulwaz'iinkokheli.Bancance kulo mbele ubhongxileyo bonk'abantu, Bazi ukuba ubukhokheli asikokuzigwagwisa konke kukuba sisicaka.

Hamba tshantliziyo ndini laseQunu, Lala ngoxolo mzimbandini othe wanyamezela...Lala ngoxolo mphefumlo besingenakwala nawe xa kufik'ukufa.Hamb'emehlweni, sal'ezintliziyweni.Ewe, uyakusal'ezinkumbulweni...

Siya kusala sithetha kakuhle nakakubi... Kodwa ke umgwebi esimaziyo nguThixo...Izulu nesihogo sekusazi uYesu ukuba loo mphefumlo uya ngaphi...Bambi bathi uqeshiwe nguSathana, mna ndithi umgwebi nguThixo.Kambe ke uYesu wasoxuth'isitshixo...USathana akangothixo nox'ezam'ukuzenz'uThixo.

Wena mphefumlo into yakho yaziwa nguThix'umongameli, Noxa siya kusala sisiva iimbali ngeembali bekhala ngeILLUMINATI, Suke mna ndithath'ikomityi ndiphung'iti.

Yiyoooo loo nto kaloku itheth'imbongi xa kunje, Ithi masigqal'ukuthetha kwethu, sikucezel'ukuthetha esingakwaziyo.Yiyoooo loo nto kaloku ndisithi singanwenwis'ulwimi siwayeke namanga...Esingayaziyo siyithule bantu bakuthi....
Hamba kakuhle qhawendini lomThembu.Ubugorha bakho buzichukumisil'iimpilo zehlabathi jikelele.Le yinyanis'engafuni kuphikiswa naliqili elinkone.Izingqi zakho Velabambhentsele zivakele.Imisebenzi yakh'ibonakele.Ngoko ke nomzila wakho ushiyekile, siyawubona...Farewell brother... I am very thankful I have lived during yo lifetime though I never have an encounter with you... I have shared breathing the same atmosphere you breathed... I have lived in yo lifetime.Your journey has indeed come to an end. #RIP Velabambhentsele.Umbongo wokuhlonipha uRholihlahla Mandela,2013/12/15

Lusapho Gladstone Nyembezi Comments

Lusapho Gladstone Nyembezi Popularity

Lusapho Gladstone Nyembezi Popularity

Close
Error Success