Lala Ngoxolo Tat'Umandela Poem by Lusapho Gladstone Nyembezi

Lala Ngoxolo Tat'Umandela

Inene ubethunyiwe nguThixo, Ukusisusa kulo lonk'ilizwe isiphoxo, Wazigqib'ezingindilil'iingxoxo, UMandela akanguye uThixo, Ngoko ke musani ukumenz'isithixo.

Aa! Dalibhunga. A! Rholihlahla! Gama lini na eli, Rholihlahla? Inene ulirholil'elo hlahla, Wanga usus'udushe kanti uluchasile, Walirhola wahlokoloza kanti umel'inyaniso.

Aa! Dalibhunga! Inene ulidalil'ibhunga, kususel'ebuncinaneni udal'amabhunga, Ngendisithi phila ngonaphakade ukub'ukufa bekungakwebanga, Noxa nj'elokumis'ukuf'igunya ndingalinikwanga, Sendikwamkele ukufa noko akukuqubulanga...

Uyihlahlil'indlela kuba wazalw'uyinkokheli...Uzichukumisil'intliziyo kuba ubungaphezu kwenkokheli, Koko uphantsi usondele kuluntu kub'ungumntu.Endaweni yokufun'ukongamela usuke wasisicaka...Zingafunda kuwe ezinxanelwe ulwaz'iinkokheli.Bancance kulo mbele ubhongxileyo bonk'abantu, Bazi ukuba ubukhokheli asikokuzigwagwisa konke kukuba sisicaka.

Hamba tshantliziyo ndini laseQunu, Lala ngoxolo mzimbandini othe wanyamezela...Lala ngoxolo mphefumlo besingenakwala nawe xa kufik'ukufa.Hamb'emehlweni, sal'ezintliziyweni.Ewe, uyakusal'ezinkumbulweni...

Siya kusala sithetha kakuhle nakakubi... Kodwa ke umgwebi esimaziyo nguThixo...Izulu nesihogo sekusazi uYesu ukuba loo mphefumlo uya ngaphi...Bambi bathi uqeshiwe nguSathana, mna ndithi umgwebi nguThixo.Kambe ke uYesu wasoxuth'isitshixo...USathana akangothixo nox'ezam'ukuzenz'uThixo.

Wena mphefumlo into yakho yaziwa nguThix'umongameli, Noxa siya kusala sisiva iimbali ngeembali bekhala ngeILLUMINATI, Suke mna ndithath'ikomityi ndiphung'iti.

Yiyoooo loo nto kaloku itheth'imbongi xa kunje, Ithi masigqal'ukuthetha kwethu, sikucezel'ukuthetha esingakwaziyo.Yiyoooo loo nto kaloku ndisithi singanwenwis'ulwimi siwayeke namanga...Esingayaziyo siyithule bantu bakuthi....
Hamba kakuhle qhawendini lomThembu.Ubugorha bakho buzichukumisil'iimpilo zehlabathi jikelele.Le yinyanis'engafuni kuphikiswa naliqili elinkone.Izingqi zakho Velabambhentsele zivakele.Imisebenzi yakh'ibonakele.Ngoko ke nomzila wakho ushiyekile, siyawubona...Farewell brother... I am very thankful I have lived during yo lifetime though I never have an encounter with you... I have shared breathing the same atmosphere you breathed... I have lived in yo lifetime.Your journey has indeed come to an end. #RIP Velabambhentsele.Umbongo wokuhlonipha uRholihlahla Mandela,2013/12/15

POET'S NOTES ABOUT THE POEM
Written on Dec 2013, after the death of Nelson Mandela
COMMENTS OF THE POEM
READ THIS POEM IN OTHER LANGUAGES
Close
Error Success