! ? Ngubani U-Nelson Mandela? Poem by Nkululeko Mdudu

! ? Ngubani U-Nelson Mandela?

Rating: 2.7


Ngubani uNelson Mandela?
Nduxoleleni ndizibona ndibuza

Bath' ungubani ngesiLungu?
Ahh! Nelson nyana womNtu
Halala! Ndithi mandikubonge
Nangona lamehlo angazang' akubone

Wen' umde kunabo bafutshane
Wen'umdala kuneentshaba zakho
Ngubani ke onokwala
iziyalo zabadala?

Ngubani onokuwabamba amaza?
Ndithi ndixeleleni ndiyabuza
Ngubani na onaloomandla?

Wena Madiba uyaziwa
eQunu, eQoboqobo naku Qumbu
Abanye bakubona kumabonwa-kude
Ewe kaloku sikubonela kude
Ngoba unobobuso bunye

Mna uyakundibona mhla
Ndikubonga ndikukhahlela
ndisenjenje:

Aaah! Madib' omdala,
Madib' omde
Mthembu wababonelw' ukuthenjwa
Mthimkhulu owola imitha
Ngqolomsila engenamsindo
Dlomo odloba akuv' ingoma
Tyhini kaloku dalibhunga! ! !

Sopitsho wathi mhla lisibekele
Walibona ilanga lilongalonga
Ngaphaya kwamafu.
Wathi maliwubone umhlaba.

Elolanga lasentsona
Wena walibona
Ngaphayakweentsimbi zasemjiva

Wakhusa ngobukhalipha
Wahlanganisa ngokuhlakanipha
Mhla amahlosi ayehlasela

Uyabona ke wena
Intle into oyenzele esi sizwe
Nangona wawungewedwa nje

Kodwa kukho ilizwi ekumele lizalekiswe
"kukho ixesha elimiselwe sonke isehlakalo
Naso sonke isiganeko sibekelwe ixesha"

Endikutshoyo ke mna koku:

Imana inye ngelanga
Nelanga linye ngemini
iKrismesi inye ngonyaka
Nonyaka soloko ujonge kwiKrismesi.

Ulifumene ithuba lokuqhuba
Imacimbi eyayikade ingena mqhubi
Asiqiniseki...
Akazi nditsho no Baw' uMbeki
Ukuba kwakufanelekile
Noba mhlawumbi kwakunyanzelekile
Ukuba mayibe nguwe n' o-holihlahla.

Ibenguwe ozuza isitsaba
Sobukhosi kwabo badl'ubusi
Bekhawulela wena bengumkhosi
Bekukhawulela ngovuyo neenyembezi.

Ewe kaloku nguwe ukumkani oneenkani
Nguwe umxolelanisi wabaxabanayo;
Ngolunya, ikratshi nogonyamelo.
Akunakuthi uligqesha lamanxeba
Uphinde udikwe kukudyojwa ligazi
Labo babethana ngokungazi
Uyalazi idushe eRawutini ngo'90.

Ngenye imini
uyakuba sisinyanya
Uyakuyishiya nani na
inzala kaXhosa?

Ingaba uyakuwuzimasa na
umzi kaPalo?
Uchophe nooHintsa
nooNdlambe njalo-njalo

Ingaba umzekelo wobom bakho
Siyakuwukhumbula na nto kaBawo?
Ingaba siyakutshila na ngawo
Ingaba siyakuwusila siwusele de sikholwe?

Uze ungayinaki le ndelelo
Yalomntwana ungenambeko
Angayibuza njani na
imvelaphi yexhego?

Kuthwa ungumntu wabantu
Kuthwa ungumntu ngabantu
Kuthwa Nkosi sikelela i-Afrika!
Oko kwaziwa nasemaMelika

Lomsebenzi wakho asingomsebenzi
Nditsho ukuba kuwe apha ububom
Izolo ibibobakho ngoku bobam

Kwintswela-mfundo nentswela-ngesho
Kuthiwa ntinga; ntinga ntaka
Kodwa ilifu elimnyama nalo liyabhabha.

Qhawe lamaqhawe,
ooTshatshu kwa nooTshawe
AmaBaca namaMpinga,
ooJola nooJwarha

Sithi kuwe,
Ewe ndiyazi sonke siyavumelana:
Nkunzi yesibaya senkululeko
Phakathi lokuphakamisa uphondo
Lwabaphilayo, abamileyo nabawileyo
Uphinda umphotho phezu kweziphukuphuku.

Njengele nenjoli yobulungisa
Eyabilel' abantu ingohluleki
Gqwetha elogqith' ingqondo
Mlowo wenkundla yamaMpondo
Sithi libala ngezomhlaba
Ezibuhlungu azipheli.

Lithi lakuphum' ikhwezi
Nditsho ndikhumbul' ekhaya
Apho sidl'amazimba
sidlale ngodongwe...

Asazi noba isizwe siyakumfuza
Asazi noba isizwe siyakumlandela
Lowo unguTata kwabali qela
Lowo bathi ngu-Nelson Mandela.

Thursday, August 28, 2008
Topic(s) of this poem: nelson mandela
COMMENTS OF THE POEM
Liyabona 04 August 2022

Molo ndenza uphando yembongiyosiba kawundicede ngoudixelea indlela waqalangayo nokuba yintoni eyakubonisa unaso esisipho

2 0 Reply
READ THIS POEM IN OTHER LANGUAGES
Nkululeko Mdudu

Nkululeko Mdudu

Queenstown/ South Africa
Close
Error Success