Othandekayo Poem by Anele Potelwa (Unpublished)

Anele Potelwa (Unpublished)

Anele Potelwa (Unpublished)

South Africa (eDutywa, Mfenguland, staying in Cape Town)

Othandekayo

Rating: 4.5

Ndiqhwabe ukuba uncumo lwam sisono,
Ndikhande ukuba uthando lwam sisigezo,
Ndibona wena! Ewe wena kuphela,
Ndingazula-zula ndipetsule esizweni,
Ndigqogqe ndiqhuqhe ndifuna ubuso bakho,
Ekugqibeleni olo singiso lwethamsanqa,

Kuhle kungekubi ukubiza igama lakho noxa ndilele,
Kucwengile ukubhala isiduko sakho kwiphepha mviwo,
Ndibizwa luthando lwakho kwaye andizenzi,
Isiginci sakho sinyumbaza eyam intliziyo,
Ilizwi lakho elimyoli liphambanis'ingqondo yam,
Qhubeka undiswantsulise kum alikho ixhala,

Ndikhombe phezulu ndakulwatyuza ndixel'inkawu,
Ndikhombe ezantsi ndakuguqa ndigob'intloko okwengwamzakazi,
Ndikhubeka nje ndiphandlwa ngamehlo akho,
Nangomso, emlanjeni ndiya mihla nezolo,
Mhlamnye, ehlathini xa uyokutheza ndongcembeza emva kwakho,
Ndixele uMbambushe ehlel'emva kothango,

Kwakho andizenzi ndibizwa luthando,
Andigxothwanga ekhaya koko ndithunywe kuwe,
Zinako ukundiphuluka iingqondo ndibe lelona geza,
Kodwa ndakubona inzwane zakho ndiyaqabuka,
Koko ndiba linxila liswele imbhodlela yokuqabula,
Ubambo.

COMMENTS OF THE POEM
READ THIS POEM IN OTHER LANGUAGES
Anele Potelwa (Unpublished)

Anele Potelwa (Unpublished)

South Africa (eDutywa, Mfenguland, staying in Cape Town)
Close
Error Success