Laqamb'igazi lamanyama.
Kwatshon'ilanga kwaphel'amagama,
Laqamb'igazi lamanyama,
Kwahlwa nasentlangothini kungemnyama,
Zatshabalal'iimbutho,
Zabhubh'iimbumba,
Kwanobok'umlando kaXhosa,
Neentlonelo zabetha zaphosa,
laqamb'igazi lamanyama,
zadana neenkonde zising'ukukhothama,
laqamb'igazi lamanyama,
yavungam'imilowo yeembutho kwaphel'amalanga,
Thina sading'esithebeni sirhuba,
kant'asazinto silahl'iigcambu zemigquba,
kungenani ayivakali ingoma yokuvunywa,
lachaswa isiko zaxhatshazwa izithethe,
yagwetywa ingenatyala inkolo yemveli,
wafa bufi umntwana nemveku yegazi,
laqamb'igazi lamanyama,
ngekwakulungulile kodwa koonakala,
laqmb'igazi lamanyama,
ngekwakumhlophe kodwa kwaabamnyama,
khambe sakulilangazelela indulo lakwaNtu
This poem has not been translated into any other language yet.
I would like to translate this poem