Xolisile Gwebityala


Ngutata Ke Lowo - Poem by Xolisile Gwebityala

Bathi wathath' umnqwazi wathath' uhambo
Ndandisenguthathath' intw' engekakwazi nokuthetha
Ngutata ke lowo

Wenz' engancomekiyo imbali ngokwal' ukuba ngumzali
Wayecing' ukuba andizokukhula
Mhlawumbi andizokukhumbula
Ngutata ke lowo

Mhlawumbi wayezakubuya
Ukuze nam undibone ndivuya
Mhlawumbi kwakungelula
Yiyo loonto wakheth' ukuthula
Ngowam utata ke lowo

Ndimthande ndagqibelela
Kanti ulinqatha elizakunnqaba
Akekho omnye ngaphandle kwakhe
Ngutata ke lowo

Ndandibawela nje ukumbona
Nto nje kwakhul' inzondo
Kwakhul' umona
Apho abathandi bobubi besekhona
Ngutata ke lowo

Bathi Mhlaba uyahlaba
Ndithi mthatha uyathatha
Wandithathel' utata
uXolani kaMoni
Ngutata ke lowo.


Comments about Ngutata Ke Lowo by Xolisile Gwebityala

There is no comment submitted by members..



Read this poem in other languages

This poem has not been translated into any other language yet.

I would like to translate this poem »

word flags

What do you think this poem is about?



Poem Submitted: Monday, January 25, 2010



[Report Error]