Zibik'ingxelo izithunywa zobomi
Zith'ulutsha lunamehlo kodwa aluboni
Ndlebe zibukhali zibuthuntu
Ziphulaphule kodwa azinamntu
kuzizihandiba ziphehlelwa kwangabo
Iziyobisi zihlohlwe kwezo ngqondo zabo
Ngahle babik'ukukhubeka kwesizwe
Okanye bonwabel'intsokolo ngobuzwe
Yhe! Wethu, hlamb'izandl'uxhom'ithemba
Ewe mfondini hlikihl'induma aphelil'amatshamba
Libhubhile ilizwE ngalamatyendyana
Waphusil'uxam kwesi simanga sezintsizana
Sithi kwakungamele kube nje
Kodw'intswela mbek'ilishiy'ikhaya linje
Ngeba ndithi kuzophinde kulunge
Ngumnqanysa lona indlela yoludwe nelinge
Amaxhego ancamile ohlulekile
Abazali bashiywe nezontliziyo zidangele
Kona-kona mabangabekwa tyala
Kub'isiqhamo somtyali naso siyayibanga indlala
Wone phi na mzali?
Kuba umsulwa yena umtyali
Zone phi na Iingcebiso zamaxhego?
Kub'iimboniso zantlandlolo yayiyimibengo
Lwabhilit'ulutsha!
Baxhatshazw'ubutsha!
This poem has not been translated into any other language yet.
I would like to translate this poem