Iindoni Zamanzi Poem by Anele Potelwa (Unpublished)

Anele Potelwa (Unpublished)

Anele Potelwa (Unpublished)

South Africa (eDutywa, Mfenguland, staying in Cape Town)

Iindoni Zamanzi

Rating: 5.0

Buthozama nje nibudyobhelani?
Bubibitheka nje nibuqhunkqelani?
Ndase ndabona nifakela imisila yehashe
Ndase ndabona sele niqab'intshong'emehlweni

Obenu kaloku bubuhle bendalo
Ezenu! Ewe ndixela ezenu iinwele zezendalo
Kodwa niqaqadekile kukungoneli
Nidandathekile kukungakholwa

Nibahle kangaka nje nizixhaphazelani
Nikhazimla kangaka nje nizixheshelani
Nitsho! Zezendalo ezo nwele asizozenu
Ndithi! Bobendalo obo buhle asibobenu

Gqi! Qhaphu!
Ngalowo ezixhitha ezama ukuqob'isihlwitha
Qhaphu! Gqi!
Nank'omnye eziqab'amafuth'enqathe emlonyeni

Suke yamenyezel'imilebe
Wawungafunga ukuba uvinjwe inyama wena qaba
Wawungafunga ukuba kugqithe inkanyama kwezo nwele,
Ndixela wena bomvana
Simanga sini na esi?

Apho intokazi yomAfrika ingoneliyo bubuhle bayo
Ziyephi na iimbeleko?
Ziyephi kanti izacholo?
Bayethi na onomtidili?
Iyephi na intombi yomAfrika
Zayatshona phi na iindoni zamanzi?

COMMENTS OF THE POEM
READ THIS POEM IN OTHER LANGUAGES
Anele Potelwa (Unpublished)

Anele Potelwa (Unpublished)

South Africa (eDutywa, Mfenguland, staying in Cape Town)
Close
Error Success