Kwakuba nguqukul'ubhedu
Inzala yekhaya iphunguz'iimpethu
Kanjengoko sigalelekil'isidubadube
Khinkxi! ! ukonakala kwalokhembekhwembe
Iyilongulo yohlaselo kwezo ntonjana
Kuyinkungu ekhanya mnyama nakuwo lomakhwenkwana
Iseso siphekepheke somfana,
Kuba kaloku awenzwang'onke'amasiko,
Elelokhaphukhaphu lentombazana,
Kuba azinekezelwanga zonk'iimfanelo,
Yandul'ukwanda longulo yomphefumlo
Aph'ebomini kunqabe nalomimoya yohlangulo
Ndixel'eyona ke mimoya yalomilowo
Eth'ifike egazini lawo lomilolo,
Ngeba bayayityikitya lo nyhikityha,
Koko babethwa kukungakwaz'ukuyiqhobosha lo mitya
Bantlithek'abantwana ekukhuleni ngokungazi,
Kuba lo mzali ungazinto naye akanal'ulwazi
Zachachamb'iintliziyo kumanyange,
Ingumshologu owambeth'ikhaya lemigqakhwe
Zavungam'izihlwele nezinyanya
Kuyingqumbo kwelo khaya lizel'ubumnyama
Namhla kuyimpumelelo inxunguphele,
Kuba ingulo yomphefumlo isingisele
Ayibo bomi ngobunzima
Ayilolishwa okanye ubugqwirha
Asikokwenziwa koko kukuzenza
Asingo sathana lo
Gxebe! Ke yingulo yomphefumlo
This poem has not been translated into any other language yet.
I would like to translate this poem