Le Ngulo Yomphefumlo Poem by Anele Potelwa (Unpublished)

Anele Potelwa (Unpublished)

Anele Potelwa (Unpublished)

South Africa (eDutywa, Mfenguland, staying in Cape Town)

Le Ngulo Yomphefumlo

Kwakuba nguqukul'ubhedu
Inzala yekhaya iphunguz'iimpethu
Kanjengoko sigalelekil'isidubadube
Khinkxi! ! ukonakala kwalokhembekhwembe
Iyilongulo yohlaselo kwezo ntonjana
Kuyinkungu ekhanya mnyama nakuwo lomakhwenkwana

Iseso siphekepheke somfana,
Kuba kaloku awenzwang'onke'amasiko,
Elelokhaphukhaphu lentombazana,
Kuba azinekezelwanga zonk'iimfanelo,
Yandul'ukwanda longulo yomphefumlo
Aph'ebomini kunqabe nalomimoya yohlangulo

Ndixel'eyona ke mimoya yalomilowo
Eth'ifike egazini lawo lomilolo,
Ngeba bayayityikitya lo nyhikityha,
Koko babethwa kukungakwaz'ukuyiqhobosha lo mitya
Bantlithek'abantwana ekukhuleni ngokungazi,
Kuba lo mzali ungazinto naye akanal'ulwazi

Zachachamb'iintliziyo kumanyange,
Ingumshologu owambeth'ikhaya lemigqakhwe
Zavungam'izihlwele nezinyanya
Kuyingqumbo kwelo khaya lizel'ubumnyama
Namhla kuyimpumelelo inxunguphele,
Kuba ingulo yomphefumlo isingisele

Ayibo bomi ngobunzima
Ayilolishwa okanye ubugqwirha
Asikokwenziwa koko kukuzenza
Asingo sathana lo
Gxebe! Ke yingulo yomphefumlo

COMMENTS OF THE POEM
READ THIS POEM IN OTHER LANGUAGES
Anele Potelwa (Unpublished)

Anele Potelwa (Unpublished)

South Africa (eDutywa, Mfenguland, staying in Cape Town)
Close
Error Success