Nxib'Isacholo Mzantsi Poem by Anele Potelwa (Unpublished)

Anele Potelwa (Unpublished)

Anele Potelwa (Unpublished)

South Africa (eDutywa, Mfenguland, staying in Cape Town)

Nxib'Isacholo Mzantsi

Rating: 5.0

Kwathi kanti yayibubuntsundu,
Zathi kanti zazingondlebe zikhany'ilanga,
Lwaqal'ugqushululu ngokwenzondo,
Yazizono kubaphambukeli beentlanga,

wonakal'umzi wesizwe,
zaxhwithan'iimvo zobuhlanga,
wonakal'umbona lixhoshomba,
omhlophe walutshaba kontsundu,
satsho sabuva ubukrakra kubusi besizwe,

kuyimfe iyincind'ebolekiweyo,
kodwa siyalulangazelela olo suku lwemigcobo,
apho iyakube ilulonwabo kontsundu,
iluchulumanco komhlophe,
ndisalilangazelela elo lixa lakudidiyelwa,
aph'umbholorho wemvek'entsundu neyebal'elimhlophe,
zakutsho ngemirhubhekazi womtshato weqhina,

kungenani nxib'isacholo
Mzantsi Afrika,
khon'ukuze bucac'ubuhle benkululeko,
Yikhuph'inzondo kwelo nxili linxilileyo,
manyana ngothando mzal'omhlophe,
khon'ukuze nontsundu axhel'exhukwane,
Nxib'isacholo Mzantsi Africa,

Bamb'isandla sam,
Nam ndibamb'esakho,
Vul'intliziyo yam,
Nam ndivul'eyakho,
Ndixolele kosulw'ezo nyembezi,
Uzundamkele sakhe isizwe ngolonwabo,

Nxib'isacholo sizwe,
Nxib'isacholo buzwe,
Kuwe wena sidwesha,
nakuwe wena sidwangube!

COMMENTS OF THE POEM
READ THIS POEM IN OTHER LANGUAGES
Anele Potelwa (Unpublished)

Anele Potelwa (Unpublished)

South Africa (eDutywa, Mfenguland, staying in Cape Town)
Close
Error Success