Ndalinikwa eli gama zizidwangube zamanyange
avum'elandelana engqish'isikhahlelo ndaqengqelek'okweqaqobana ndiziqikaqika
Iluncumo luqaqadekile ndingekakwaz'ukuqikelela
Kodwa yavungam'imimoya
lacac'icamagu kweso sichenge segazi
lath'apha kum 'eli gama lelakho'
hayi! Ewe Hayi!
hayi mna andikwaz'eCicirha
Kuba lena yobhokwe yamaZizi
yazuz'izazela zizekelela zikwazulisana
ndaweva ngaphakath'ephaphathek'amaxhala
kanti kuxhelw'ixovu-xovu lentsusaxhala
Lagqogqaliqhuqh'ulonwabo lwaqhekez'inzondo
yangumdiliy'odad'esizweni ngalondumase
laxel'ixhalanga lixhagwe ngamaxheg'elo xhonti
axhuzul'exakekil'amagqwirha okwamaxox'emgxobhozweni
Zavel'inkonde neenkondekazi
avel'amadoda elandelwa ngamadodakazi
Bayivuma! Bayivuma!
yavunywa longcaphephe ngabafana
yaluncwaso nakwezoziponono zamamantombazana
Savuma sonk'isizwe
yanikin'intlok'inkosi kumakhosi
akhahlel'amaphakathi
liliny'ilizwi lisithi
'Lo ngunyana weAfrika! ! '
This poem has not been translated into any other language yet.
I would like to translate this poem
Aah! Nyana we-Afrika!