Uphaphazel'okwamaphik-exhalanga
Ududis'inkunz'enkomo engakhalanga
Zitsho zisinek'iintsana zakho zelo gazi
Zinqul'ubuhle bakho kutshab'ukungazi
Ewe kaloku wena awungqungwa
Kub'usele kakade ulingqungil'izangwa
Ntlants'ekhanyis'ubuzwe kwimishologu
Wandul'ukukhuhl'intsente kumaxelegu
Vela kuthi ngobubele wena thongo
Uvus'izwe kwakunye nabo balel'ubuthongo
Khon'ukuze zidyakadule izinambuzane
Kumz'ontsundu zixhuma-xhume zibe nembalasane
Yiza sikubone ngaphakathi kwalentiyo
Sixhentse sidanise ngolo sincume ngolo Vuyo
Ziqumb'uzifumbe izizalwane zethu
Ibe sesona simanga sichithel'ubuzwe bethu
Pholisa unokhehlane wentlazane
Litsho iphalandlela libuye kwelozwe lembabane
Phosa kude izisila zehobe
Kutsho kuvunywe ingoma enye engumhobe
Vela thongo sivume ukuba umkhulu
Atsh'amhlungulu nawo anqatyelwe zezontlungu
Vela thongo lakowethu
Ukhusel'isizwe sakowethu
This poem has not been translated into any other language yet.
I would like to translate this poem
Vela thongo lakowethu, Ukhulis' isizwe sakowethu. I love these lines, .....Camagu. Ngiyaziqhenya ngobunsundu bam, imibhalo enjengalena ingithokozisa kakhulu ngoba ithetha ngesizwe esinsundu, noma abamhlophe try to de-value us...some of us will always be intrepid..good poem zinyane likaPotelwa.