Lixabise igama lakho,
Ulinikiwe ngabanobuchule nolwazi kunawe.
Lixabise igama lakowenu,
Yeyona ndyebo nelifa elikwalamanisa nabo
Bonke abathe sa kweli lizwe kwanabangasekhoyo.
uDiba, uMpondo, uMandela; wayengu mpondo-zihlanjiwe.
Walithwala eli lizwe walonyula ebubini.
Yena uBantu(Steve) Biko wabanona abantu
Abantsundu nje ngabaz'mele geqe; enga bikwa hlaba.
uSisulu wayesisisulu sobukhoboka nobukhalipha
Ngexesha lakhe.
Masime kengoku sijonge ixabiso
Legama kulemihla siphila kuyo.
Sino Thabo oth'ehle nje uyazonelisa.
Uvuyelela ukohlutha lemali singenayo;
Ewe kaloku 'nguzonwabele' Mbeki.
Lowo ubeke isiqu sakhe nonina akatyeki.
Uzithwala ayokuzibeka phesheya kolwandle;
Abuye athelekise imali yeli nezangaphandle,
Mali leyo ayifuna kuthi.
Andigxeki kodwa ezangaphandle iiBanka zimithi
Kodwa owethu uvimba unyusa amaxabiso
Thyini! akuphilwa ngaphandle kwemali etshisiweyo.
Ndithi nomongameli we-ANC undenza ndoyike,
Kwa ukulibiza igama lakhe;
Ngenxa yemihuba yakhe.
Asazi ebeyakuthini na uYakobi, uyise kaYosefu!
Phofu kwagama eli selinobutyefu.
Abazifundayo izibhalo baya kundiphendula,
Mna kuleyam intloko ndiyakhephula.
Ewe ke kaloku mna ndingunyana kaJola;
Eyona njoli yothando, ububele, unkathalo nanceba.
Lo kaloku nguXolisile ongaxolelwayo
Kuba engena tyala. uMphankomo
Owazisebenzelayo iinkomo zakhe
Wakugqiba waziphawulela inzala yakhe.
Ewe ndithi lixabuse igama lakho nela kokwenu;
Ukwazi ukuqhayisa ngalo ezizweni!
This poem has not been translated into any other language yet.
I would like to translate this poem