Iwuuu! magwala ndini.
zikhova ndini ezoyika
ukuphuma kweLanga.
Ingoma yam ayinamlandeli.
Nam ndixhwith'utyani-
entla Kwamasimi kaMjongile.
Nam ndozela ndisothuka.
Ndisenkungwini nje andinatyala.
Ndihlanganisa ndigalela nto-
zikaPhalo; mvula ndini ingenalusizi-
nasazela.
Ndihla ndinuka okwesifo seswekile,
kodwa nam ndinenduku yam!
Ndiyithembile ndigalela ndizole-
ndixel'Igwala lizincamile.
Mna ndinkunzi kaMbukhwe: -
ndixel'Umgqosini mna kanye
Umsuthu.
Kanti nam ndinenduku, intinga
njengomsimbithi kodwa ke nguMthathi
othatha zonke intshaba zam namantshontsho
azo.
Ndiqinile nje neyam ingoma ayinamlandeli,
kodwa nam ndinenduku.
Ndixhentsa ngayo kukhule umntwan' ebeleni,
ndixhentsa ngayo kukhule umntwan' ebeleni.
This poem has not been translated into any other language yet.
I would like to translate this poem