Khanindivumeleni
ndithethe,
Ndivumeleni ndihlomle,
Ndikhululeni ndibonge,
Ndiyekeni ndidanduluke
ndibabaz'ubuhle balo
mhla!
Zizwe zonke gcobani,
Ntlanga zonke
chulumancani,
Mz'oNtsundu bhiyozani...
Kuba ninesizathu! ! !
KwakuseMvezo
emaphandleni
aseMthath'apho lazalwa
khona ixhego!
Wathiywa Rholihlahla kanti
nguHlokoloza! ! !
Waxabis'imfundo
kwasebutsheni
akufik'eQunu!
Ngelishwa njengabaninzi
wakhula ngaphandle
koyise owasutywa kukufa
kwangoko!
Khanindibolek'imilom'eliwaka
ndibonge!
Ndivumeleni
ndenz'intswahla emnandi
ndithi Huntsuu Madiba!
Lo mhla wazalwa uMosis
wesizw'esiNtsundu!
Ngesibindi
waliwez'ulwandle
olubomv'ilizwe loMzantsi
Afrika!
Wawuqhawul'umsantsa
wokungaboni ngasonye
kweentlanga!
Esenkululeko sona
wasinik'isitshixo,
Yini na madoda kha
nibulel'uThixo!
Kodwa'uMandela
ningamenz'isithixo,
Kuphela yena
wathunyw'ukuphelis'ingxoxo!
Esusa sonk'isiphoxo!
Hlanganani zintlanga!
Bulelani nonke zilwimi!
Dumisani bantu!
UYehova ngemisebenzi
yakhe!
Phil'ukhokhobe
tat'uMandela!
This poem has not been translated into any other language yet.
I would like to translate this poem