Kodwa Kufa Poem by Lusapho Gladstone Nyembezi

Kodwa Kufa



Weza ngenxa yesikreqo
sokhokh'uAdam.
Waba ngumahluko
phakathi komntu noThixo.
Waqhubek'unqaml'imihla
izizukulwana eziybonayo
phantsi kwelanga!
Kufa, umdala unenkqayi.
Waluphel'unezimvi.
Kodwa awuqheleki.
Hay kuf'awuginyeki.
Kwizizukulwana
ngezizukulwana
kuf'awunambitheki.
Ndixakwa ntonye kuwe
kufa,
Ye mfondin'uyatya
kodw'awaneli.
Uyaxhapha
kodw'awugcwali.
Kufa ndiphendule.
Umdala kodw'awuqheleki,
kutheni?
Ufika maxa onke apha
naphaya,
kodw'awuthandeki...bazala
nini oovimba bakho?
Ndiyavuma uvela kuThixo,
kodwa kutheni
usaphul'imiphefumlo nje?
Ingaba bubuthathaka
bethu? Okanye wena
ukhohlakele?
Siyavuma ungokaThixo!
Kodwa kufa uyichithil'imizi.
Kodwa
kuf'uzaphul'iintliziyo!
Kodwa kuf'uluzisil'usizi!
Kodwa kuf'umvumele
uSathan'akusebenzise.
Siyathuthuzeleka kul'ilizwi
loMdali,
mhl'uKuf'asahlukanise
nesibathandayo!
Kalok'ithemba lobomi
obungaphaya likho!
Sixoliswa lilizwi,
Kodwa kufa!
Kodwa kufa,
Naw'uya kufa!

COMMENTS OF THE POEM
vibes 20 June 2020

keep it up up very lovely

0 0 Reply
READ THIS POEM IN OTHER LANGUAGES
Close
Error Success