Ibhabhalaza Emafihlweni Poem by Nkululeko Mdudu

Ibhabhalaza Emafihlweni

Wena mntu ndini othe tywa...
emandlalweni kwade kwaphuma ilanga
langomgqibelo...
Ubuthand'izinto,
Ubuthand'abantu,
Ubuthand'ubumnandi...

Utsho ngomvungulo waphezolo
nezisini ingathi uphuma eposini...
Phezol'ubuthetha kamnandi
ngathi utyibilikela emendweni...
Ibinguwe kanye lo uphume ephunguza
Kanti uyakutsiba elikaPhungela.

Ngoku ubuyile, bakupheka bekophula...
bakubuz'inanana ungena mpendulo...
Ubusithi uyazivisa
kwavuswa
wavuza
kwasa se' uvaswa
uvalelwa
ungenantetha
uthule, ungasatsho nokuba
'akusemnand' ethaveni! '

Sele ulandulele eli.
Uwile ubungeyonkweli.
Zama ke phofu ukuzilungisa,
nathi sizakuvalelisa ngentselo...
kodwa wena ungayinaki leyo
kaloku akunxilwa kwelabafileyo..

COMMENTS OF THE POEM
READ THIS POEM IN OTHER LANGUAGES
Nkululeko Mdudu

Nkululeko Mdudu

Queenstown/ South Africa
Close
Error Success