Tuesday, October 23, 2018

SIKHOKELE MFO KA THAMBO! Comments

Rating: 0.0

Hoyiiini! Hoyina!
Ndibolekeni indlebe mawethu
Ndibolekeni indlebe ndize nendaba
Silapha nje namhle bekufanele
Kaloku kudaloo le mini yatyunjwayo
nguQamata kwanezinyanya zakwaNtu
Kudala bavumelana besithi makube nje
Namhlanje sineNhyikityha yetheko
Sikhululekile sihleka siveze elomhlathi
Siyaxhentsa siyatyityimba!
Sitya inyama de siyijamele
Kodwa asanelisekanga singekadibani
Nomongo, Sibambe ithambo
Silikhukhuze singe silibuza imvelaphi

O! Sizukulwana sikaNtu,
Kuthiwani na xa kunjenje namhla nje?
Kodwa ke iinkonde namagqala ethu
Ayaqonda aqiqe avakale esitsho esithi
A! Tambo lokhokho nezinyanya zokhokho bethu
A! Tambo dala kade bemqongqotha
A! Tambo lethu elinomongo ongapheliyo
Ngenxa yamava, inkcubeko kwanothando
Ewe kudala besitsho bephindelela abakwaziyo
Besithi wena wawuyi Nkanyamba!
Inkanyamba eyakhayo neyakhulisa
Imilisela nemithinjana yethu ngobulumko
Ewe bathi wawuyi Nkanyamba eyahlanganisa imihlambi
Eyalanayo, yasakhela ubuhlobo ezizweni
Nanamhla ke sidibene apha
Sibambelele kwelo thambo lemanyano elinguwe
Ngangalala yeAfrika!

Apho ukhoyo wena kunye namaninzi
Amagqala namavula ndlela awafela inkululeko
Nonke nisijongile, nezizukulwana zenu niyazibona
Niyazibona zizama ukusukuma, zicathula,
Zigijime, ziwe, zothuke! Zisukume zithathise kwakhona!

Neekrwitha krwithano ezikhoyo zokunxanelwa
Amawonga nezikhundla niyazibona.
Ngxe! Ngxe! Bawo Tambo
Ngxe! Zintombi nonyana beAfrika
Sawuzama ukuzikhumbulisisa
Imfundiso zenu
Sawuzama ukubambana ngezandla
Sivuselelelane

Nentswahla yamazwi ethu entyiloza
Kuvuye nditsho neentaka zezulu
Sitsho ngazwilinye sithi
Tambo, sikhokele mfo ka Tambo
Sakhi lizwe lethu sikhokele
Mfo ka Tambo!

Ndee ncincilili . . .
Ndee ncincilili . . .
...
Read full text

Gcina Mhlophe
COMMENTS
Close
Error Success