Anele TheAfrikanSon kaMthethungqongqo Potelwa

Rookie - 0 Points (1992 March 03 / South Africa (eDutywa, Mfenguland, staying in Cape Town))

Abakholwayo Namhla - Poem by Anele TheAfrikanSon kaMthethungqongqo Potelwa

Kwagqam'uQamata!
Zaqamba'amagama obuqaqawuli
Izidwangube zemiququ
Zaxhwithan'iinkolo zamaqeqengula

Kwagqam'uQamata!
Kwaba ngasa sanqand'amaqoth'eqikileka
Egqebhana ngezo nkolo zamaqili
Kwaqashiswa ngemiqathango engumnqa
Ngabo ubukumkani bukaMvelingqange

Yaqengqeleka imiyalo yobuxoki
Axhumaxhum'amaqaqa ngezo ziqalekiso
YanguNgqi! KuNgxi!
YanguNkcu! KuGqu!

Yabhidan'imixholo
Kwangeneno kwamaqaqobana
Zaqhubeka zaqhwal'iinkolo
Zaqhwabana zanyolana kwazodwa
Zaqhathana ziqhawulana kwazodwa

Izezo ziqaja ukuba zizithunywa zikaQamata
Ezinye kwezinye ziqaqadekisana
Ndithi ke mna ke kuwe mnquba
Musa ukugqagqanisa ngeyakho inkolo
Mfondini! Musa ukugqejwa ngemfe zezinye iinkolo

Andikunqandi
Nto nje ndiyahlomla
Andihlomli
Nto nje ndiyakhalimela
Andikhalimeli
Nto nje ndiyacebisa
Andicebisi! Ewe andicebisi mfondini!
Nto nje ndiyalumkise! Undivile?
Ndiyalumkisa!


Comments about Abakholwayo Namhla by Anele TheAfrikanSon kaMthethungqongqo Potelwa

There is no comment submitted by members..



Read this poem in other languages

This poem has not been translated into any other language yet.

I would like to translate this poem »

word flags

What do you think this poem is about?



Poem Submitted: Sunday, December 18, 2011



[Report Error]