Bazali bam,
Tata noMama;
Ndithi xa
ndicinga ngani
Ndiphelelwe ngamazwi.
Indlela
enindikhulise ngayo
Nengqeqesho
enindinike yona
Andisoze ndiyilibale.
Ndinibulele kuqala
xa nithe
Anadinwa kukundixhasa
Ndade ndakwi-19 yeminyaka.
Ndinibulela ngemithandazo
ebendiyazi
Ukuba nisoloko
nindibeka kuyo
Xa bendingafumani msebenzi.
Kudala ndicinga
ukuba ndingathini
ze nazi ukuba
Ndiyanithanda,
kwaye ndiyanibulela?
Le leta
ndiyibhala
ndibuhlungu
kuba ebomini
andikanenzeli nto.
Tata noMama
ndiyambulela UThixo
Ngokundinika
Nina bazali bam.
Kukho abantwana
abangakhulanga Nje ngam,
yaye ndisoloko ndimcela
UThixo anolulele imihla,
nife sendiphangela.
Ndike ndicinge
ukushiya iKapa
Ndincedise nina
endlini, ntonje
Abukho ubom
ngaphandle komsebenzi.
Nimxelele no-Bra Mol
ukuba
Ndiyambulela yaye
Ndiyamkhumbula.
Nihlale kakuhle.
Tata, sonke usikhulisile:
sobalithoba
Hlala phantsi ke
ngoku Ngwanya
Uzonwabele iimali zakho.
UThixo ukuphile ubom
Sukuba sazikhathaza
Ngomsebenzi ngoku.
Onithandayo ngenene:
T.M Mdudu
This poem has not been translated into any other language yet.
I would like to translate this poem
hey mfwethu it is very important to appriciate our parents besaphila bcoz we don`t know when they gonna live us. we as the youth must show recognition to all the work & the challemges they went through in order to bring us to what we are today. ngiyayithanda i poem yakho ntwana.