Embo Poem by Black Consciousness Poetry BCP

Embo

Buyelani embo sizwe ndini esinesimbho
Apho ubuhle buncokola nenyaniso
Inyaniso incuma nobulungisa
Apho wawunokukhuza uthi "Thyini intle inzala yemazi emnyama"
Kodwa namhlanje sithi ubuXhosa bethu busenza amaqaba
Ukuba ubuyazi imvelaphi yakho
ubunokuqonda ukuba ukubizwa iqaba yeyona nyhweba yakhe yankulu

Kaloku magqobhoka ndini, amaqaba namaqabakazi
Ngamaqhawe namaqhawekazi
Asibekela inqawe
Elwela izwe lethu
Umhlaba
Kodwa namhlanje siwaticela ebusweni
Ngoku bhedesha oku kufuna ukusitshabalalisa

Zindijadule izijwili zezizwe
Umhlana ubomvu kukubeleka ubuhle nobubi belilizwe
Ndiphila okwe khoboka kumhlaba wokhokho bam

Kaloku bona bakhule ngoqula kwedini
Qude manikiniki zindala zombhini
Kodwa thina sifuna ukutshabalalisa izithethe zakwantu
Eso siganeko ingaba sisishiqi soluchwe

andifuni sichithane nobomi bethuu
Ngokuzamana nokubuyela embo
Ngoba umgca obheka embo
Wacinywa kudala

Wacinywa mhla kufika ikoloni
Wacinywa mhla kuthunyeliswa uNongqawuse

Kodwa ithemba lona likhona
Ithemba ligazi lika Tatu Biko
USobukwe,
Queen Nzinga,
Morena Moshweshwe,
Nkosi Shaka Zulu
Ithemba lam likwela xhego laxhela inkomo
Kwagxigxiza igazi kwixhanti lakwaXhosa
Kwagxigxiza igazi kwixhanti lakwaXhosa
Camagu.


|Lindokuhle Matina|

Embo
Thursday, July 6, 2017
Topic(s) of this poem: african poem
COMMENTS OF THE POEM
READ THIS POEM IN OTHER LANGUAGES
Close
Error Success