sisidididi sesidenge,
esizithobileyo phambi kwamehlo ethu,
ngumxhaka-xhaka,
omathumb'antaka kwiintlanti zethu,
Loo ndlebe yakhe ingevayo,
Loo mehlo angaboniyo,
Loo nkan'inkene-nkene ukubaza,
Ndixel'umduk'odukisayo ngokuduba eDutywa,
Ngqond'engqingwe bubuvila,
Kub'uhlel'utyhafile okwamehl'omkhombe,
lala gusha ndikuchebe,
cwaka! mqala ndikuxhele,
sithulu sakoweth'esingevayo,
mfama yasemaTolweni engaboniyo,
phaku-phaku lomnt'oxhiphilili,
kuba bumnyam'ubukhalipha bakhe,
nabo bucuntsiw'ubukrele-krele bakhe,
Vuku-vuk'elinuk'ubudlaka-dlaka,
dlav'elindlandlathekileyo kulo ndlela uyihambayo,
kuba yiyo le ingaziwa nanguThixo,
Ndikubona Ulekelel'ilanga,
Ndikubona Uzekelel'umoya,
Ndikubone kwakho uphehlelel'umhlaba,
Ligoq'ingqondo yakho,
Kodw'imsulwa intliziyo yakho,
Ngendiba ndithi unguJama kaSjadu,
Kub'ujama ingathi uvinjw'idlelo,
Kub'ujam-jam oko lusu lwenkomo,
Ndivumele ndith lala mbethe likhon'itshoba,
Kuba uxel'inkwenkwe elala emaqanda,
kubuvuvv nobudenge beengcinga zakho,
Kowu Vuka Mfondini!
This poem has not been translated into any other language yet.
I would like to translate this poem