Anele TheAfrikanSon kaMthethungqongqo Potelwa

Rookie - 0 Points (1992 March 03 / South Africa (eDutywa, Mfenguland, staying in Cape Town))

Isililo Sendlalifa - Poem by Anele TheAfrikanSon kaMthethungqongqo Potelwa

Yini na bethu?
kusuke kwathini na emzini wakowethu
Yilendlala isihlasele
ngalomandla yona ibalasele

Kwakuthen'ubawo az'asishiye entlandlolo
namhla kuthe cwaka emveni kwesithonga semfakadolo
udadewethu suka walixhoba
enikezel'umama ebonisa ukuzixhoma

Yini na bethu?
ukuba zigoqoze kangak'intlanti zakowethu
namhla ndaziwa ngokunkinkq'imizi le yonke
kwaye nakuyo lemigudu sele ndizame konke

ndithi ndakuvel'atshevul'onk'amabhinqa
ndincume noxa endiphendula gwenxa
zatshil'izitshingitshane zentlupheko
zanditshovela kwelo nxweme lwezivubeko

Ndomelele ndixhathisile ngaphakathi kwezo nyembezi
ndiqal'ukuzingisa nakuyo lengxowa manzi
nangona ndilelixhaxhavithi uma akasokuze alale engatyanga
udadewethu akanakuphila ubomi engafundanga

Yini na bawo ukundishiya kule ntlekele
iyayakrakra ingqingwe likhaya elizele yingqele
nakulamabhodl'ezindlu
mandenjenjiya ukudedis'umshologu


Comments about Isililo Sendlalifa by Anele TheAfrikanSon kaMthethungqongqo Potelwa

There is no comment submitted by members..



Read this poem in other languages

This poem has not been translated into any other language yet.

I would like to translate this poem »

word flags

What do you think this poem is about?



Poem Submitted: Saturday, May 26, 2012



[Report Error]