Anele TheAfrikanSon kaMthethungqongqo Potelwa

Rookie - 0 Points (1992 March 03 / South Africa (eDutywa, Mfenguland, staying in Cape Town))

Izulu Liyaduma - Poem by Anele TheAfrikanSon kaMthethungqongqo Potelwa

Nalo ke bethu liduduma
lidlakazelis'ubushushu besindiyandiya
kungcangcazel'umkrol'uphethwe ngamadoda
naso isangcosi sifunz'edabini

Bajam'omaJamJam'ejadula
bangqong'omqul'unqunqiwe
kanti oko kukuza kwesitshingitshan'eluntwini
ixhala latsho latyumb'otyumbekayo

Yasisiyunguma kusithw'ilizwe liyazuza
kant'izinqa zibhudiwe ilizwe liyabhubha
sithe sijonge ngapha kwaqhambuka lena
sithe silinde lena kwaphahluka leya

Landul'ukumunc'untuph'elizulu
lats ho ngalokhwembekhwembe labetha libuyelela
kilento namhla kungekho bunt'eluntwini
kub'elizulu laxhwitha konk'esintwini


Comments about Izulu Liyaduma by Anele TheAfrikanSon kaMthethungqongqo Potelwa

There is no comment submitted by members..



Read this poem in other languages

This poem has not been translated into any other language yet.

I would like to translate this poem »

word flags

What do you think this poem is about?



Poem Submitted: Saturday, May 26, 2012



[Report Error]