Anele TheAfrikanSon kaMthethungqongqo Potelwa

Rookie - 0 Points (1992 March 03 / South Africa (eDutywa, Mfenguland, staying in Cape Town))

Lakhothama Ilungu - Poem by Anele TheAfrikanSon kaMthethungqongqo Potelwa

Zachitheka iinyembezi kwikhaya
Laphela ithemba kubantwana
Yatyikity'amehlo imveki
Yenzwa kukungakholwa kokwenzekileyo

Kwavakal'iintlungu zeengongoma
Zaduduma izijwili kwintsapho
Zabetha okwezulu laseXhongora
Kwe! Cwakwa kungekho mazwi kulowo

Leyo yintlungu yokulahlekelwa
Liphupha elishiy'iinyembezi nezilonda
Kuba zingumqokozo iinkxwaleko kulomzi
Umxhel'ujacekile kwinzukulwana yegazi

Olo sizi lungenatyala alondeleki
Ubone sele kunzima nakwimilowo
Axing'emqaleni ngenxa yokuchaneka
Ziqobozeke iingqondo zamanyange

Kant'uyatsha umthi omanzi
Uyadwanguza wona umthi owomileyo
Latshona ilanga kumthonyama
Yadana intliziyo kumthinjana
Yini na, bekutheni zekube nje?


Comments about Lakhothama Ilungu by Anele TheAfrikanSon kaMthethungqongqo Potelwa

There is no comment submitted by members..



Read this poem in other languages

This poem has not been translated into any other language yet.

I would like to translate this poem »

word flags

What do you think this poem is about?



Poem Submitted: Wednesday, December 7, 2011



[Report Error]