Langa Ulukhanyo Poem by Anele Potelwa (Unpublished)

Anele Potelwa (Unpublished)

Anele Potelwa (Unpublished)

South Africa (eDutywa, Mfenguland, staying in Cape Town)

Langa Ulukhanyo

Lincume kuvele ukukhanya kwentlaba,
Ligqithis'umyalezo wemfudumalo kulutsha,
Landule ukundinyola lindolathise indlela,
Ndinqule mna ndivume ukuba langa uyaphilisa,
Kuba wena uligqirha lokunyanga,

Ngapha kwakho kungqengqe ithemba legquba,
Eliquka impahla ivulelwe isiya emadlelweni,
Liquka iintloko zisingisele empangelweni,
Sinako ukukubona ngalo mehlwana akho,
Singenako ukukujamela, gxebe! Jeju

Ngenxuba kubila ozithuku-thuku zithambileyo,
koko ukuculwa kweculo lakho zoma zonke ezimanzi,
wandule ukutshila kwingoma yakho zitshe zonke ezomileyo,
zibnne kuhle iimfama zemibono,
intloko zivuke zinikina zisitsho nazo,
ukuba langa uliphupho elingafuni kuphazanyiswa,

Utsho kube mhlophe ilahle lentliziyo,
Utsho kurhawuzelel'umnyele ehashini,
Utsho zitshutshise iintshuntshe zamabhunga,
Utsho kusilwe ibhekile yokuthoba unxano,
Utsho umhambi ayithandabuze indlela,
Langa wavunywa nazizinyanya,
Kuba akwamkela nawo amanyange,

Ndikuhlonele kuba izidanga zakho zeqile,
Kumkani ngeba ndiyakukhahlela,
kodwa ke Aa! -a! Langa

COMMENTS OF THE POEM
READ THIS POEM IN OTHER LANGUAGES
Anele Potelwa (Unpublished)

Anele Potelwa (Unpublished)

South Africa (eDutywa, Mfenguland, staying in Cape Town)
Close
Error Success