Anele TheAfrikanSon kaMthethungqongqo Potelwa

Rookie - 0 Points (1992 March 03 / South Africa (eDutywa, Mfenguland, staying in Cape Town))

Le! Yinzwakazi - Poem by Anele TheAfrikanSon kaMthethungqongqo Potelwa

Suke ndaqengqeleka!
Suke ndeedengelele!
Suke ndaxel'iqaqa liziqika-qika!
Suke ndangumquq'uqikelela!

Andizenzi koko ndiv'uthandao
Lundambethe kwaye luyandifudumeza
Ndibon'uncumo lwakho
Koko lundenz'iintloni
Phambi kwabo abahloli

Andizenzi nto nje ndonwabile
Kuluchulumanco ngaphakathi kum
Iyapetsula intliziyo yam
Yenzwa kuko ukuthandwa nguwe,
Eneneni wena ulithemba lam
Kuba elakho ndingenako ukuliswantsulisa

Suke ndeeqathatha!
ndibabatheka nguwe nzwakazi yegazi
Sule ndeeqikilili!
Ndinyumbazwa lilizwi lakho,
Isimanga sentloni ondenza zona
Kunjalo ke ukuqonywa yingilosi enguwe

Kuliphupha endilinikwe licamagu
Ngantlangothi ngase ndingaphaphami
Kuba ingesiso naso kwizono,
Isono sokukuphuza esidleleni
Milebe yam inga-ingavuma ithi:
Ishiiiiii! !


Comments about Le! Yinzwakazi by Anele TheAfrikanSon kaMthethungqongqo Potelwa

There is no comment submitted by members..



Read this poem in other languages

This poem has not been translated into any other language yet.

I would like to translate this poem »

word flags

What do you think this poem is about?



Poem Submitted: Wednesday, December 7, 2011



Famous Poems

  1. Still I Rise
    Maya Angelou
  2. The Road Not Taken
    Robert Frost
  3. If You Forget Me
    Pablo Neruda
  4. Dreams
    Langston Hughes
  5. Annabel Lee
    Edgar Allan Poe
  6. If
    Rudyard Kipling
  7. Stopping By Woods On A Snowy Evening
    Robert Frost
  8. I Do Not Love You Except Because I Love You
    Pablo Neruda
  9. Do Not Stand At My Grave And Weep
    Mary Elizabeth Frye
  10. A Dream Within A Dream
    Edgar Allan Poe
[Report Error]