Leloxesha Poem by Anele Potelwa (Unpublished)

Anele Potelwa (Unpublished)

Anele Potelwa (Unpublished)

South Africa (eDutywa, Mfenguland, staying in Cape Town)

Leloxesha

Ewe kaloku lifikile
Elabo ilixa seligqithile
Ingq! Leqonga labo ngoku bububende
Kuba kwelam ixesha kombathw'ingub'ende

Ewe kaloku liphaphathekile
Izinambuzane neentaka zibhengezile
Ndim nosapho lwam namaqotsini
Kuba asiloxesha lamNgqosini lelasemaZizini

Yhe! Bethu! Niyaziva ezi zingqikazi
Zintywizis'iinyembezi kwimbelukazi yedikazi
Zaxhaph'izaphuselane zanyinyitheka
Yazizapholo kwinyheke zamgxagxa zibibitheka

Ndiswel'ixilongo lomlomo ngendintyiloza
EMbo! Mawethu ndamkelwa ngumlenye ngendibhiyoza
Xhonti lini na eli lixhokonxwa yimiqhadi?
Xhanti lini na eli lilawulwa yindlu yeqadi?

Zigqebh'uziqiqe uzigqumelele mntakwethu ukuba undichasile
Kodwa obam ubukroti ndohlala ndibuhloniphile
Ndiswel'umnqayi ngendikuvuthulula
Kulenqwelo yethu ngendikuthulula
Huntshu! Huntshu! Huuuuuuntshu!

COMMENTS OF THE POEM
READ THIS POEM IN OTHER LANGUAGES
Anele Potelwa (Unpublished)

Anele Potelwa (Unpublished)

South Africa (eDutywa, Mfenguland, staying in Cape Town)
Close
Error Success