Hlaziyan'Iintliziyo Poem by Anele Potelwa (Unpublished)

Anele Potelwa (Unpublished)

Anele Potelwa (Unpublished)

South Africa (eDutywa, Mfenguland, staying in Cape Town)

Hlaziyan'Iintliziyo

Ndiziva ndinomsindo!
ngaphakathi,
ndinolunya lwempindo!
xa bexananaza ooxam ngegam lam bexhwithana,
xa begengeleza ooxam ngefani yam bekhwitshana,
ilulwimi kubo luchachatheka,
iingqondo nee ngcinga kubo ziphaphatheka,
sikhahlelo sam kubo bubuciko bamazwi abo,
siduko sam siyindlalo koonomathotholo babo,
ndiba ngazama bayagxeka!
ndiba ngenza msulwa bayantlitheka!

Ndiziva ndinomsindo!
mfondini ngaphakathi,
ndinolunya lwempindo,
ayatsh'amagogo kwezidyongo,
ngelabo ngamagubu namaxilongo,
lilinye kuphela igwijo abangqiyame ngalo,
ikukundisiphula eyam ingalo,
zagragram'izinja zifuna ukundiqubula,
kodwa okaNtengeshe uqubul'umqokoz'axel'uZibula,

Ndiviva ndinomsindo,
Ewe! mfondini ngaphakathi,
ndinolunya lwempindo,
Imigqutsuba itsiba-tsiba okonojubalala,
itsho iqiniseka ukuba ndiyatshabalala,
kakade ndiyikumkani egenawo amaphakathi ngokuzithemba,
kuba ithemba lam likuwo umqolo wenamba,
bendigxelesha gxebe! jeju bendinyevulela,
kodw'owam umkhonto wohlala undikhusela,
ndiphila ngokungqumshela,
kuba andiyiyo ngqutsela!

COMMENTS OF THE POEM
READ THIS POEM IN OTHER LANGUAGES
Anele Potelwa (Unpublished)

Anele Potelwa (Unpublished)

South Africa (eDutywa, Mfenguland, staying in Cape Town)
Close
Error Success