Anele TheAfrikanSon kaMthethungqongqo Potelwa

Rookie - 0 Points (1992 March 03 / South Africa (eDutywa, Mfenguland, staying in Cape Town))

Indalo Yesizwe I-Arika - Poem by Anele TheAfrikanSon kaMthethungqongqo Potelwa

Ngxwelerha zeembali kumabali,
Ngxokozelo zeenkwali kubukhali,
Ngonyathelo kuni sisidima,
Ngokhanyo lwenu kuthi niluqilima,

Ndibonga ubukho benu kumabhelu,
Ngobunganganga kubunganga bolutho lwenu,
Nditshila kwisitshisa semfudumalo,
Nangona uthando lwenu lungelilo unxunguphalo,
Aa! Ndalo Yezidalwa Sisidalwa!

Bunxilile ubukho benu kwawethu amehlo,
Bubazile ubuntu benu ngezethu izenzo,
Bhudlu-bhudl'ukudlula kwenu ngalo ndlela,
Bhada-bhad'amabali enu kumlisela,

Bolatheni noba bezimele ebumnyameni,
Bathuthuzeleni abankxwaleko isemphefumlweni,
Bizani izizwe zidibane ngezonkwelo,
Bazotsho banibone nani nihlab'ikhwelo,
Aa! Ndalo yezidalwa sisidalwa,

Luyanda uluntu lungayiboni indima,
Luhluma kumhlinzo wolonwabo engekho uMakhalima,
Lwayinkonzo ludunyiswa mihla ulutho,
Lwazinyembezi zolonwabo zichininika kulo mbutho,

Lwalukho kwangoko singekho thina kwakuqala,
Lubazile kwakhona lucwengile kungekho zingqala,
Lulama bandl'elihle!
Lusima kuthi na xa sihleli kakuhle,
Aa! Ndalo Yezidalalwa Bubudala


Comments about Indalo Yesizwe I-Arika by Anele TheAfrikanSon kaMthethungqongqo Potelwa

There is no comment submitted by members..

Pablo Neruda

If You Forget Me



Read this poem in other languages

This poem has not been translated into any other language yet.

I would like to translate this poem »

word flags

What do you think this poem is about?



Poem Submitted: Friday, October 7, 2011

Poem Edited: Saturday, December 29, 2012


[Report Error]