Intlonipho Poem by Anele Potelwa (Unpublished)

Anele Potelwa (Unpublished)

Anele Potelwa (Unpublished)

South Africa (eDutywa, Mfenguland, staying in Cape Town)

Intlonipho

Rating: 5.0


Zakuphel'iintsuku,
Lakutshon'ilanga,
Iintsunguzi ziphembelela emandleni,
Ixesha lindishiy'ematyeni,

ndakufun'isonka endasiphiwa emaZizini,
ndakukhumbula ubisi endalusezwa libele lentombi yasemaTolweni,
mna ndodwa ndakukhumbula amazwi endawanikwa lixhewukazi lasebaThenjini,
ndivume ingoma endayifundiswa yinkondekazi yasemaZangweni

lakufika ixesha lamaxesha,
apho ndakube ndisazi umehluko komdala nomtsha,
apho ndakube ndisazi umehluko kumlisela nomthinjana,
apho ndakugqisha ndivume ukuba intlonelo yintlonelo,
ndibike kumazwe nesizwe ukuba intlonipho yintlonipho,

lakukhanya ilanga,
ngakum zizakuvula izibhakabhaka,
inene kuzakucaca impumelelo endiyifungelweyo,
ikant'emhloph'ehlungwini,

elam lelokungqiyama ngentlonipho,
ndandule ukucondoba ngentlonelo,
kuba ngamayeza lawo endawasezwa ngabadala,
kuba kaloku lamachiza awamadala koko andandisela iintsuku zama kulomgquba ukrakrayo,

isitshixo sam sokuvul'amasango,
ibhayi lam lokombatha ndithozame,
intonga yam yokusimelela,
kuthwa yintlonelo,
yona iyintlonipho

COMMENTS OF THE POEM
Soulistical The Poet 07 November 2011

Ngiyathanda Kufundza lombalo wakho wena, chubeka ungayekeli

0 0 Reply
Bongiwe Faith Zikalala 07 November 2011

Mna ndakhumbula ibisi endalicaca ebeleni lentombi yasemaTlaneni, lol nice one poet!

0 0 Reply
READ THIS POEM IN OTHER LANGUAGES
Anele Potelwa (Unpublished)

Anele Potelwa (Unpublished)

South Africa (eDutywa, Mfenguland, staying in Cape Town)
Close
Error Success