Kwezongcamango Zothando Poem by Anele Potelwa (Unpublished)

Anele Potelwa (Unpublished)

Anele Potelwa (Unpublished)

South Africa (eDutywa, Mfenguland, staying in Cape Town)

Kwezongcamango Zothando

Kwafik'elo xesha
lokunyamezel'uthando lundixhesha
waxhwalek'umphefumlo zaxhelek'iingcinga
yaqaqamb'ingqondo kwiinzulu zeenkumbulo

Kwangumxu'enxubevange kwintliziyo yam
ndikulomeko yokushiywa sisithandwa sam
zagxagxaz'iinyembezi kwezonkophe zamehlw'am
Kuba kaloku lindishiyil'igqiyazana lam

Ubona nje ngekungenje ukuba wayemdlil'utsiki
kuba namhla ndixinge kulamangqangangqanga
ewe ndizinze kulamahobohobo ezithukuthezi
Kuba lemka ingqina ndashiyeka ndicul'ukunyamezela

Kwezo nyembezi zam ndiyathemba yena wonwabile apho akhoyo
kungenani ndakomelela kwezimbishimbishi
Kodwa'intliziyo yona ibhodl'igazi
kub'inelo nxeba lokungazi

COMMENTS OF THE POEM
Siyabonga A Nxumalo 19 March 2013

Ubuhle bokuba nsundu wukunotha kolwimi lwenkobe, ngiyazidla ngawe ntoyakoPotelwa, uqhubeke njalo ungayeki, ubukhali bosiba lwakho bunganqindeki, ngawe kuyohluma abanye abayizinkulungwane abanjengawe bafuze wena! .. Siya_! !

0 0 Reply
READ THIS POEM IN OTHER LANGUAGES
Anele Potelwa (Unpublished)

Anele Potelwa (Unpublished)

South Africa (eDutywa, Mfenguland, staying in Cape Town)
Close
Error Success