Lento Isiko Poem by Anele Potelwa (Unpublished)

Anele Potelwa (Unpublished)

Anele Potelwa (Unpublished)

South Africa (eDutywa, Mfenguland, staying in Cape Town)

Lento Isiko

Sixhobo sokukhusel'uluNtu,
Lunxulumano lamagorh'akowethu,
Ndixela icamagu lezinyanya zamawethu,
Bubuhle bomz'ontsundu,

Lento isiko akupucwa ngalo,
Lento isiko akuqashiswa ngalo,
Lento isiko alunqunquthwa kwimidlalo,
Lento isiko alilafu-lafuzwa nakwincoko,

Ngumthamo wembali yakwaNtu,
Yintlakohlaza ngobuhle kubaNtu,
Yinqawe engacimiyo kumaxhego,
Lulwazi lokurhub'izizwe kwisizukulwana,

Lento isiko ayingogqaphu weentsana,
Lento isiko ngumlilo odwanguzayo,
Lento isiko asingomxhentso wamagqirha,
Lento isiko lingenguwo umtshotsho womthinjana,

Ngumrhubhe ngobuhle nokukhazimla,
Yimvulasifuba kwimbongi ngokuthozama,
Ngumzila wobomi ongenabo ubuhandiba,
Kuba ubungozi balo buyakwazi nokuhlokondiba,
Libhude wena! ! ! !

Lento isiko asiyondlalo!
Lento isiko asiyondlalo!
Kumkela ubaz'amehlo mthinjana,
Lumkela uvul'iindlebe mlisela,
Kuba lento isiko ayisosithethe,
Lento isiko ayingomdlalo.

COMMENTS OF THE POEM
Siyabonga A Nxumalo 10 November 2011

Wow! im impressed ntwana, its a great poem...ngikufisela inhlanhla boy in everything u do...i am a writer too but ndiyavilapha nyani...from i get i-inspiration..

2 0 Reply
READ THIS POEM IN OTHER LANGUAGES
Anele Potelwa (Unpublished)

Anele Potelwa (Unpublished)

South Africa (eDutywa, Mfenguland, staying in Cape Town)
Close
Error Success