Anele TheAfrikanSon kaMthethungqongqo Potelwa

Rookie - 0 Points (1992 March 03 / South Africa (eDutywa, Mfenguland, staying in Cape Town))

Mandilandwe Ndibuyiswe - Poem by Anele TheAfrikanSon kaMthethungqongqo Potelwa

Mandigoduke namhla
Ngeli lixa umbombo mawuqhoshe
Igugu malintingele kwabandithandayo
Intlabathi yoobawomkhulu ndiyiva ngevumba
Ikhwelo likatatomkhulu mandilive ngengxolo

Ndikhumbul'ikhaya
Ubushushu bolonwabo
Izingqi zemigcobo
Aph'ihlale inyumbazeke intliziyo Yam

Ndiyagoduka namhlanje
Ndiyongcamla kumbandavu wamanyange
Ndiyokwetyisa kulo mphothula wezinyanya
Ndichul'ukunyathela ngengoma yothando
Ndidl'amaqhashu ndidlal'uqashiqashi

Ndikhumbul'ikhaya
N dikhumbul'iintlanti zakuthi
Ndikhumbul'amasimi akuthi
Ndikhumbul'igazi lakuthi
Ndikhumbul'ikhaya
Koko mandilandwe ndibuyiswe


Comments about Mandilandwe Ndibuyiswe by Anele TheAfrikanSon kaMthethungqongqo Potelwa

There is no comment submitted by members..



Read this poem in other languages

This poem has not been translated into any other language yet.

I would like to translate this poem »

word flags

What do you think this poem is about?



Poem Submitted: Sunday, December 18, 2011



[Report Error]