Ukuba Ndingangumntwana Kwakhona Poem by Viwe Ntlanjeni

Ukuba Ndingangumntwana Kwakhona



Ukuba ndingangumntwana kwakhona
Ndingacondoba kobubom
Ndingachula ukunyathela
Ndingahamba okwengcungcu kwedini
Umhlaba lo ndinge ndiwusizela
Ndingahamba ngokunyalasa
Ndixel'ingonyama, igorha phakathi kwezinto ezizitho zine,
Elingabuyi mva phambi kweento zonke
Ndingalungisa ukuhamba
Okwe nkunzi yebhokhwe, ukumkani enomkhosi wakhe.

Ukuba ndingangumntwana kwakhona
Ndingaliphula-phula ilizwi labazali bam
Xa besithi 'Uzungahambi ngaloo ndlela nyana wam.'
Kuba ndizibonile iingozi zokuhamba ngeendlela zoontangandini
Zandikhokelela ebumnyabeni, entsunguzini, enyhunyhwini;
Kuba kakade liphandlwa kanye libone

Ukuba ndingangumntwana kwakhona
Ndingalibamba ngazo zozibini ithuba

Thursday, February 23, 2017
Topic(s) of this poem: growing up
COMMENTS OF THE POEM
READ THIS POEM IN OTHER LANGUAGES
1 / 1
Viwe Ntlanjeni

Viwe Ntlanjeni

Mthatha
Close
Error Success