Ukuba ndingangumntwana kwakhona
Ndingacondoba kobubom
Ndingachula ukunyathela
Ndingahamba okwengcungcu kwedini
Umhlaba lo ndinge ndiwusizela
Ndingahamba ngokunyalasa
Ndixel'ingonyama, igorha phakathi kwezinto ezizitho zine,
Elingabuyi mva phambi kweento zonke
Ndingalungisa ukuhamba
Okwe nkunzi yebhokhwe, ukumkani enomkhosi wakhe.
Ukuba ndingangumntwana kwakhona
Ndingaliphula-phula ilizwi labazali bam
Xa besithi 'Uzungahambi ngaloo ndlela nyana wam.'
Kuba ndizibonile iingozi zokuhamba ngeendlela zoontangandini
Zandikhokelela ebumnyabeni, entsunguzini, enyhunyhwini;
Kuba kakade liphandlwa kanye libone
Ukuba ndingangumntwana kwakhona
Ndingalibamba ngazo zozibini ithuba
This poem has not been translated into any other language yet.
I would like to translate this poem