Viwe Ntlanjeni

Viwe Ntlanjeni Poems

Ukuba ndingangumntwana kwakhona
Ndingacondoba kobubom
Ndingachula ukunyathela
Ndingahamba okwengcungcu kwedini
...

Viwe Ntlanjeni Biography

I am a poet, a writer and a teacher.)

The Best Poem Of Viwe Ntlanjeni

Ukuba Ndingangumntwana Kwakhona

Ukuba ndingangumntwana kwakhona
Ndingacondoba kobubom
Ndingachula ukunyathela
Ndingahamba okwengcungcu kwedini
Umhlaba lo ndinge ndiwusizela
Ndingahamba ngokunyalasa
Ndixel'ingonyama, igorha phakathi kwezinto ezizitho zine,
Elingabuyi mva phambi kweento zonke
Ndingalungisa ukuhamba
Okwe nkunzi yebhokhwe, ukumkani enomkhosi wakhe.

Ukuba ndingangumntwana kwakhona
Ndingaliphula-phula ilizwi labazali bam
Xa besithi 'Uzungahambi ngaloo ndlela nyana wam.'
Kuba ndizibonile iingozi zokuhamba ngeendlela zoontangandini
Zandikhokelela ebumnyabeni, entsunguzini, enyhunyhwini;
Kuba kakade liphandlwa kanye libone

Ukuba ndingangumntwana kwakhona
Ndingalibamba ngazo zozibini ithuba

Viwe Ntlanjeni Comments

Viwe Ntlanjeni Quotes

'A man without errors is, but, a man without wisdom.'

Viwe Ntlanjeni Popularity

Viwe Ntlanjeni Popularity

Close
Error Success