Ukungazi Poem by Sonwabo Lewu

Ukungazi

Bandixelele
Ngenkani zam ndatyhala isifuba;
Uthando banalo kuba bandixelele.

Ngenkani zam ndatyhala isifuba.
Namhlanje ndiyazisola
Kuba bendilumkisiwe
ndathi: isiziba ziviwa ngodondolo.

Kunamhla ndikhalela kubo
Azanga bathi besitsho;
Koko bandinike inkuthazo.
Azange bathi sasitheni kodwa bandicebiseli.

Inene bandibonisile ukuba umntu ngumntu ngabantu.

POET'S NOTES ABOUT THE POEM
Ndandixelela ndingeva ndifuna ukuzobonela
COMMENTS OF THE POEM
READ THIS POEM IN OTHER LANGUAGES
Close
Error Success