Nanjengoko ndigqushalaza
Ndiding'esithebeni sobukhoboka,
Jac'elindim eliyintlabeli,
Lihlabela mgama womgabadeli,
Linquml'ihlathi kwezi nzikizane zenkungu,
Lath'ukudibana nomlisela,
Lanakan'iingcebiso zamava,
kuba liquma ihlazo lokwaphuka kwengqayi,
Ndixel'ukulityalwa kobungqonqo
beengcambu Zomth'egazi nobugquba,
Ath'obonayo ngalo mehlo,
Azidal'ubumfama kwisiNtu sethu,
Adlal'amaqhinga kuvalek'amehlo,
Kanti kungaxesha egqubungelwe yinkolo yobugqakhwe,
Kanti ngokunganqandeki ubhentsela ibhekile yoobawomkhulu,
Zingamaqaqawuli ngoluthwana lazo,
Ndixel'ubuchaka kwize zabo zenzalo,
Kuba kaloku zazile izinyanya ngolu lunya,
Zagqejw'imfe zatsho zibuyelela,
Walithwasa sele exhweleza ongumNtu,
Kant'amagqwirha ayazibulal'iinkomo zethu,
Ewe! Ndixela Ilifa Lethu,
Mna Ngobam ubuNtu ndakurhuba ndinguZazi,
Ngolwazi lwam nditsho ndibhabhe,
Ndandul'ukunqula uQamata wezinyanya,
Ndingelilo ke ihlazo nakumanyange,
Ndingqisha kwakhona ndithi bobam ubuntu!
Ndiphinde kwakhona ndithi bobam obu buhle!
'Mna ngobam ubuntu ndakurhuba ndinguzazi' ewe yihlo, ngoku uluntu lujikile, , asizazi singobani, silandela kakhulu okwasentshonalanga...
This poem has not been translated into any other language yet.
I would like to translate this poem
'Mna ngobam ubuntu ndakurhuba ndinguzazi' ewe yihlo, ngoku uluntu lujikile, , asizazi singobani, silandela kakhulu okwasentshonalanga...