Iinyembezi Zam Poem by Yoyama Magwashu

Iinyembezi Zam

Zezovuyo iinyembezi endinazo
zona zithatha ixesha ukuba ziyeke
ziyeka sele ndibengezela ndililanga
lona likhanya kude kudede ubumnyama.

Ndivuyiswa luthando endilufumana kwisimomondiya senzwakazi
Nzwakazi leyo elilisa intliziyo yam ngoncumo lwayo
Yona eyenza amadolo am agxeke xa kufuneka ndithethe nayo
Awu madoda yaze yantle nantsi intyatyambo
Kucaca mhlophe ukuba uYehova waye mane encuma ncumeza ngoku wayemenza.

Dudlu ntombazana, dudlu nkwenkwezi yam.
Wena wafika watshintsha ubomi bam,
Ndiyibhaliswa lencwadi kuba ndikufuna ebomini bam.
Zezovuyo, zezothando, zezogcobo iinyembezi zam.
Awu madoda ziyazehlela.

POET'S NOTES ABOUT THE POEM
A praise poem is a poem of tribute or gratitude. To praise means to express admiration, give homage, and/or to proclaim positive attributes. Praise poetry is part of the literary tradition of many cultures.The beauty of a woman Is not in the clothes she wears, The figure that she carries, Or the way she combs her hair. The beauty of a woman must be seen from in her eyes, Because that is the doorway to her heart, the place where love resides.
COMMENTS OF THE POEM
READ THIS POEM IN OTHER LANGUAGES
Close
Error Success