Lento ingumama
Ingaba lento ingu mama yintoni na?
Inimba iyasika ndomva ekhala
noxa engumbulali
Emehlweni am usengu ntondo
Ndiyamfihla ndiyamsitha
Xa amapolisa ezomfuna
Intilongo ayilo khaya
Ndiyamthanda ndimvile
Zilithoba inyanga
Ndi khala zintlungu
Ndithwele lomntana
Ndiyekeni ndimfihle, ndimsithe ndiyamthanda
Ukubulala andimthumanga
Ukudlwengula andimcelanga
Ndamfundisa ukuhlonipha
Umntu obhinqileyo
Lento ingumama yintoni na?
Lento funeka ndifele isono se nzala yam
Bendine njongo ngaye, ndisenethemba kuye
Ngu mntana wam lo, ndimzele.
Umfazi ozeleyo ubambe kungezantsi
Yena lowo ongazelanga ufuna lomntana
Bafazi ndixeleleni
Ingaba lento ingu mama yinto na?
This poem has not been translated into any other language yet.
I would like to translate this poem
Andingomfazi ngoko ke andinakukuxelela ngokupheleleyo ukuba umama yintoni na, kodwa ndiyavuya ukuba lombuzo uzifumene iindlebe zam ndatsho nam ndaqond(olohlotyana) ukuba akululanga emfazini ozeleyo akubona inzala yakhe isona yaye kubuhlungu nangakumbi ukuzibona ephakathi kwengozi nomntan'akhe