Ndinebhongo Lobayintombi Yomxhosa Poem by Andiswa Mvanyashe

Ndinebhongo Lobayintombi Yomxhosa



Ndinebhongo kwaye ndiyazingca ngoba nguMxhosa
Umngqokrolo, oonombhoholo, oozalipholile inene zinto zakuthi
Sithetha ingathi siyangqisha kukhale ubuqaqaqa nobuqum-qum siqhaqhazela ukutyityimba sixel' ingcolosi mhla kugquthayo
Inene ndinebhongo loba ngumXhosa
Impundu amabele zinto zakuthi
Imali yomqamelo awuyikhuphi nje engekho umqamelo
Intombi zimisile zixela iintsengwanekazi zibhongxe amabele ingathi yiNtwasahlobo
Inene ndinebhongo lobayintombi yomXhosa
Ibhinqa elibhinqela phezulu kodwa lithobeke okwesigingqi emhlabeni
Intombi eqhaqhil' engondweni kodwa iqaqambile nasebuhleni
Into ebhid' abafana bazibone beyibonga okwehashe lomdyarho lilungiselelwe ileqe
Uzibone uyibetha igodo indoda kuba iyaphuma lento efukwini lentonjane okweguzu liphuma ekhasini
Ndinebhongo lobanguMxhosa
Ndinebhongo lobayintombi yomntu omnyama

Thursday, June 19, 2014
Topic(s) of this poem: culture
COMMENTS OF THE POEM
READ THIS POEM IN OTHER LANGUAGES
Andiswa Mvanyashe

Andiswa Mvanyashe

Qumbu (Eastern Cape)
Close
Error Success