Sala Kakuhle Sithandwa Poem by Andiswa Mvanyashe

Sala Kakuhle Sithandwa

Intyantyabo ibintle namhla iyabuna
Uncumo beluqaqambile namhl'oku sisililo
Mhlawumbi bekufanele
Namhla umdlalo uyaphela
Sala kakuhle sithandwa.

Mhla wumbi besisaphuca
Mhlawumbi besisabhidekile
Kodwa ke yonke into inesiphelo
Kwazi bani okuzayo?
Sala kakuhle sithandwa.

Ukonakala kwenye kukulunga kwenye
Hleze ubambo lwam lundilindile,
Mhlawumbi ukufa kusemnyango
Kwazi ban'isind' entweni
Sala kakuhle sithandwa.

Mhlawumbi ndaphandlwa bubuhle
Mhlawumbi ndabona cala limbi
Izinto azihambanga ngesiqhelo
Iphini lomele emqaleni
Sala kakuhle sithandwa.

POET'S NOTES ABOUT THE POEM
Featured in the book Yachithek'ingqaka
COMMENTS OF THE POEM
READ THIS POEM IN OTHER LANGUAGES
Andiswa Mvanyashe

Andiswa Mvanyashe

Qumbu (Eastern Cape)
Close
Error Success