Vuma Ntombi! Poem by Anele Potelwa (Unpublished)

Anele Potelwa (Unpublished)

Anele Potelwa (Unpublished)

South Africa (eDutywa, Mfenguland, staying in Cape Town)

Vuma Ntombi!

Rating: 3.0


ndiguqe ngawonk'amadolo
iinyembezi zindiphandl'okothuthu
ingqond'indibuza umbuzo
ndiswel'impendulo koko ndiwuphosa kuwe
lenzeni na eli gwece lindim?

ewe ityala ndilivumile
kwaye nesono ndisivumile
akukho sigwebo, ngeba naso ndisamkele
onk'ebendinawo ndiwathethile,

ndiguq'apha ngalomzuzu
ndilind'impendulo kuwe
ndikulind'uvul'intliziyo undamkele kwakhona
kub'ixesha linomona
hleze lindisuse phambi kwamehl'akho

ntomb'uthando lunxano,
isidodo yintseng'evova
vul'uvakalelwe mkhith'okhethwe ndim,
kub'izingqala ziyandinxwala
namakrwal'ayindihleka
kowu le ntliziyo iyaqhwalela

yini na ntliziyo ukuqhwalela
kub'elakho inxeba likhangeleka litshayela,
phofu ke mnikazi wentlungu
umlawuli wenyembezi nguwe ntombi,

akhal'amagogogo
icununu licel'ukutya kwalo
qhaph'umqhel'utyeketyeke
ndaziva ndisomelela
eyam induku ingenguwo umsimelelo

ndenzwa kukuzotha kwent'endiyibonayo
cwak'amehlo wam kwanqab'intshukumo,
umbhodamo wobuhle bubonwa ngamashiya,
oku kweso sitya esifumaneka kwilizwe lamaNdiya

Zadungen'ongene okomceli mngeni
aph'ekuseni ziduden'iingcinga
zaqul'ingcamango ngawe,
lavum'ithongo latol'igqongo
wabe ke wena inguwe phakathi kwabanye

mhla mnene aphandlwa amalozelo wam
saguzu lityhil'ikhasi
igazi lakho lelomtsalane
nditsho son'isitshingitshane sokukhazimla

wena uyiyo inkosazana
ndiyakungqina nam ntomb'entsundu engemhlotshazana
uthando lwam lolwakho!
olwakho nalo kanti lolwam!
camagu guzu! camagu ntombi!

COMMENTS OF THE POEM
Phiwe Mbatha 15 September 2013

Imnandi inkondlo yakho baba

0 0 Reply
Zandile Zoya 19 August 2013

hay ndiya Vuma mfana :) lol... sihle sibhala sakho bhuti, ngentliziyo engenesikrokro ndiyancoma.

0 0 Reply
Siyabonga A Nxumalo 14 August 2013

Amahle amzwi ensizwa izicelela uthando entombini, izigwadi ziyofanele zifunde kulomzamo wakho. Uma lentokazi ingabona lombhalo, ingaqoma lingaphakami nelanga. Siya_! !

2 0 Reply
READ THIS POEM IN OTHER LANGUAGES
Anele Potelwa (Unpublished)

Anele Potelwa (Unpublished)

South Africa (eDutywa, Mfenguland, staying in Cape Town)
Close
Error Success