Ungawabamba na lo mathontsi eyembezi
Esithi chiphi chiphi ezandleni zakho
Ungawuthwla na lo mthwal’ osinda nedonki yam
Ungasimela na esosikhalo esivela kwintliziyo eyophukile
Hayi wena ungumadida
Kuba wenza okudida abantu
Ngoba ndiyazi kuwe ezo zinto sisiqhelo
Sikhala sisondele
Abanye bahleka bebhekela
Babuya bekhokhoba
Babuya betake taka
Babuya bophukile
Kodwa wena usoloko wamkela
Buyini na ubomi ngaphandle kwakho?
Kuba nguwe ithemba, nguwe ubomi
Nguwe inyaniso, nguwe uNdikhoyo!
Enkosi Bawo!
This poem has not been translated into any other language yet.
I would like to translate this poem