Gram gram iyagramzeka
Wayitha iyatheka
Wayinambitha iyaginyeka
Iyiphekile intombi kaMqithi
Wayingcamla uNjingalwazi
Hayi kodwa abanye bayingcamla bayishiya
Abanye bayitya bayityekeze
Kwabanye bayitya bangayiginyi
Yehla kamnandi emqaleni kwabayifunayo
Bayayinukisa abathanda amavumba
Vumba elimnandi kwabathanda okuhle
Vumba elibi kwabanomona
Yeyake mnambithi kokunganambitheki
Ingaba abayityayo imnandi?
Abayityanga abanye nje
Ingaba wokholwa ngova okanye ngoncamla?
Zikhethele kuba sikholwa ngokwehlukile.
This poem has not been translated into any other language yet.
I would like to translate this poem