Bayixikixile abakwaziyo
Bayihlafuna abanamazinyo
Bayithufela abanamathe
Bayinyathela banenyawo ezinkule
Bayibone ukuthamba bazicofela
Bazivela beyinyola ngeminw'emikhule
Bayibone ukuzola bayingxolisa obanamazwi
Yintlekisa kwabangayikhathalelanga
Bayibon'intle bayinyolukel' abanyalukileyo
Bayiva imnandi bayitya bayigabha ekuhlutheni kwabo
Bayishiya isonyanyeka
Ingajongeki ifuna ukuhlanjwa ngenxa yosomnyoluko
Ibifanele ubongwa kodwa nayitshicela
Ibifanele ukuvuzwa kodwa bayilimaza
Ibifanelwe kukuthandwa kodwa bayonyanya
Inzima into engumntu
Bayenzile bengayenzanga
Bayicingile bengayicinganaga
Bobubonile ubuhle kodwa asivanga ngabo
Babungcamla ubumnandi kodwa abachaza
Bakhethe ukuyibulala kunokuyiphilisa
Bakhetha ukuyusuzela kunoyicoca
Yinina intw'entle ibingenobukwa?
Intw'elungileyo ibingenokhuthazwa?
Besilindele uvuyo namhla sibona inyembezi
Isililo somfazi esikrakra esiqhawul'intliziyo
Bayephi abanothando bazibonakalise
Mzi wakowethu ndiyakhuza ndilimele ngenxeba elingapholi
Uyiphononongile kwaye uyiqhotsile, imandi iyavakala iyanambitheka ngalomzuzu ndiyayetyisa, ndiswele nje amazwi ukwandula ndityatyathule ndiphaphatheke ndibize izizwe zizokubona intlaka emandi kunazo zonke. Ndixela kemna ke isihobe esimandi kangaka, ndiwonwabele andizenzisi amagama akwezizitanza zonke, Qhuba ungayeki! The_African_Son
This poem has not been translated into any other language yet.
I would like to translate this poem
Yho istanza sesihlanu, abanye abantu into entle abayibukeli bayayibukula.