Unyana Weafrika Poem by Anele Potelwa (Unpublished)

Anele Potelwa (Unpublished)

Anele Potelwa (Unpublished)

South Africa (eDutywa, Mfenguland, staying in Cape Town)

Unyana Weafrika

Rating: 4.5

Ndalinikwa eli gama zizidwangube zamanyange
avum'elandelana engqish'isikhahlelo ndaqengqelek'okweqaqobana ndiziqikaqika
Iluncumo luqaqadekile ndingekakwaz'ukuqikelela

Kodwa yavungam'imimoya
lacac'icamagu kweso sichenge segazi
lath'apha kum 'eli gama lelakho'
hayi! Ewe Hayi!
hayi mna andikwaz'eCicirha

Kuba lena yobhokwe yamaZizi
yazuz'izazela zizekelela zikwazulisana
ndaweva ngaphakath'ephaphathek'amaxhala
kanti kuxhelw'ixovu-xovu lentsusaxhala

Lagqogqaliqhuqh'ulonwabo lwaqhekez'inzondo
yangumdiliy'odad'esizweni ngalondumase
laxel'ixhalanga lixhagwe ngamaxheg'elo xhonti
axhuzul'exakekil'amagqwirha okwamaxox'emgxobhozweni

Zavel'inkonde neenkondekazi
avel'amadoda elandelwa ngamadodakazi
Bayivuma! Bayivuma!
yavunywa longcaphephe ngabafana
yaluncwaso nakwezoziponono zamamantombazana

Savuma sonk'isizwe
yanikin'intlok'inkosi kumakhosi
akhahlel'amaphakathi
liliny'ilizwi lisithi
'Lo ngunyana weAfrika! ! '

COMMENTS OF THE POEM

Aah! Nyana we-Afrika!

0 0 Reply
Siyabonga A Nxumalo 26 May 2012

Ndodana yeAfrica, iyaziqhenya ngawe iAfrica... Siya_! !

0 0 Reply
READ THIS POEM IN OTHER LANGUAGES
Anele Potelwa (Unpublished)

Anele Potelwa (Unpublished)

South Africa (eDutywa, Mfenguland, staying in Cape Town)
Close
Error Success