Intwala Poem by NtsimbamaZizi Sibongile Potelwa

Intwala

Qum! Qum! Siyatyobatyobana,
Tyhini yintwala bafondini
Yondlekile kway’ itukutuku;
Igazi kukutya kwayo

Intlok’ imthwebetshu,
Imbejembeje ukuhombiseka
Tyhini! Bantu ngoonomoyi
Tshitshilili macal’ onke

Qanduseliyani, yimigqutsuba
Int’ ezincukuth’ igazi
Abhity’ umntu abelucingo
Axwebe ngangathi akasatyi

Zinyuquze lakutshis’ ilanga
Zitsho ngobobumnyama bazo
Kuba zihlala hlathin’ elimnyama
Zizimele lakuqhaqhazelis’ amazinyo

Ntwala zentloko zemka zayakusithela
Ntwala zempahla zazeka mzekweni
Mnt’ onazo namhla ulihlazo
Qum qum ndayibulala kwakhona

COMMENTS OF THE POEM
READ THIS POEM IN OTHER LANGUAGES
Close
Error Success